Amadodana Ase Wesile – Siyakudumisa Thixo lyrics

Amadodana Ase Wesile - Siyakudumisa Thixo lyrics

Siyakudumisa Thixo lyrics

Siyakudumisa Thixo siya kuvuma ukuba unguYehova
Umhlaba wonke ubedesha wena
uYise ongunaphakade
Zonke ingelosi zimemeza kuwe.kwanezulu nawo onke amandla akulo
Ikerubime nesarifime.zimana zimemeza kuwe
Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele.Yehova, Thixo wemikhosi
Izulu lizele kwanomhlaba.bubukhulu bobungcwalisa bakho
Umhlabi wobungcwalisa wabapostile uyakudumisa
Ama kholwa naabahle aabaprofeti.bayakudumisa
Umkhosi odumileyo wabafele wena uyakudumisa
Ihamente engcwele kulo lonke ilizwe.iyakuvuma
UYise obukhulu bungenambaliso
UNyana wakho emnye.odumileyo oyinene
KwanoMoya oyiNgcwele umOnwabisi
Wen′ungu Kumkani wobungcwalisa Wena Kristu
Wen’unguNyana ongunaphakade.woYihlo
Uthe wena wakunyula umsebenzi
wokusindisa abantu.akwasidela isizalo sentombi
Uthe wakuba woyisile ubukhali bokufa
wavulela bonke abakholwayo ubukumkani bezulu
Wena uhleli ngasekunene kuThixo ebungcwaliseni boYihlo
Siyakholwa ukuba woza ubengumGwebi wethu
Siyakuthandaza ngoko siza izicaka zakho
ozithengileyo ngegazi lakho elinqabileyo
Zenze ukuba zibalwe ndawonye
nabangcwele bakho ebungcwaliseni obungunaphakade
Nkosi sindisa abantu bakho.uthamsanqelise ilifa lakho
Baphathe ubaphakamise.kude kube ngunaphakade
Thina imihla ngemihla sikwenza mkhulu wena.
Sihlala sibedesha igama lakho.kude kube kunaphakade
Sincede Nkosi usilondoloze ngale mini singabi nasono
Nkosi zusiphathe ngetaru zusiphathe ngetaru
Nkosi itaru lakho malihle phezu kwethu njengokuba ithemba lethu likuwe
Nkosi ndithembe wena ma ndingaze ndidaniswe
Nkosi ndithembe wena ma ndingaze ndidaniswe

Listen & share (Siyakudumisa Thixo lyrics by Amadodana Ase Wesile)

Upload your song here

Be the first to comment

Leave a Reply

Your email address will not be published.


*